To: Mphathi wase Shoprite, Pieter Engelbrecht kunye no President Cyril Ramaphosa

Shoprite, yehlisa amaxabiso okutya!

Ibhazabhaza yevenkile yokutya eMzantsi Afrika iShoprite yiyo eyondla amakhaya amanintsi apha elizweni. Ikhe iqhayise iShoprite ukuba yona yiyo eqashe isininzi sabantu apha eMzantsi Afrika (1). Ngomnyaka ka 2024 wezezimali  kaShoprite, lobhazabhaza wevenkile wapapasha ukuba yona inemvuzo ezinyuke kwinqanaba le R103,8 billion. Umphathi we Shoprite yena wenze imali engange R83 million, nto leyo ethe yamenza wangoyena mphathi ozuze imali eninzi ngaphezu kwabo bonke abaphathi bobhazabhaza beevenkile eMzantsi Afrika. Yonke lento yenzeka ngexesha apho abantu abangango 20million bengakwazi ukondla amakhaya abo.

Ingabe amaxabiso esiwabhatalayo okutya axhome kakhulu?Umzantsi Afrika unokutya okungakwazi ukonela wonke umntu oselizweni kodwa amaxabiso aphezulu wokutya enza ukuba abanye abantu balale bengatyanga. IShoprite kunye nezinye iibhazabhaza zevenkile zokutya kufuneka zisinike incazelo ngamaxabiso azo. Ezinye zezivenkile kudala zixhaphaza abathengi ngamaxabiso abo aphezulu. Umzekelo, ngexesha leCovid, iPick n Pay yavuma ukuba yawaxhoma amaxabiso egarlic kunye ne ginger.
 
Sifaka isinyanzelo sokuba oonobhazabhaza beevenkile zokutya basinike incazelo ngamaxabiso abo kuyo yonke isupply chain, futhi baphinde basixelele ukuba bawabhatala malini abalimi. Lonto ke ingenza ukuba imibutho egade amaxabiso okutya ukuba anganyuki ngokungekho semthethweni agade kakuhle lama amaxabiso. iShoprite njengeyona venkile yokutya enkulu elizweni kungakuhle ukuba ibinothi yenze umzekelo ngokusinika incazelo yamaxabiso abo.
 
Siyalela isinyanzeliso sokuba umphathi kaShoprite uPieter Englebrg kunye noCyril Ramaphosa baphumeze izinyanzeliso ezingezantsi:

Bathobe amaxabiso okutya, ingakumbi awezipasile zokutya zilandelayo, irayisi, ubisi, isoya, amaqanda, intlanzi esetotini,iimbotyi ezomisiweyo, ibhotolo yamandogomane (peanut butter), umilimili, amasi kunye neelentils. 

1) Ukunika abantwana ukutya okwaneleyo kunye nokondleka kwabo ngumyalelo womgaqo siseko eMzantsi Afrika. Ezipasile zokutya esizidwelisileyo zinesondlo kwaye zinika abantwana amandla. Lonto ke ayithethi ukuba ezinye iintlobo zokutya azibalulekanga, kodwa ke, ezipasile zokutya sizidwelisileyo zinika izinga eliphakamileyo lesondlo kwaye ziqhele ukuba zibenamaxabiso asezantsi, nto leyo ke iye incede amakhaya aphila ngaphantsi kwezinga lomgca wentlupheko (ukutso ke ipoverty line) (4).


2) Umongameli uRamaphosa kufuneka ashicelele umthetho wokunqanda kokumoshwa kokutya. Ingakumbi kuba akanakumoshwa ukutya xa kukho abantu abalala bengatyanga elizweni. 


3) Sinyanzelisa ukuba urhulumente aqhube iintetho noluntu ngokubanzi malunga nokubhalwa kwe National Food Securty kunye neNutrition Plan. 


Why is this important?

Apha eminyakeni edlulileyo, kudala imibutho emininzi ye Civil Society inyanzelisa urhulumente ukuba anyuse iiSocial Grants. Kodwa nokuba bezinokunyuswa iiSocial Grants, azinokwenza mehluko ukuba izinga lokuphila siliyeka libenamaxabiso aphezulu ngoluhlobo.Ukuba izinga lempilo lizawubanamaxabiso aphakame ngoluhlobo, abantu bayawuhlala behluphekile kwaye bephila ngendlala. Kwale granti yeR370, ayonelanga ukuba abantu baye kwii interview semisebenzi okanye baqale amashishini abo. Le granti yeR370 ayonelanga ukuba abantu bathenge ukutya kwaye negranti yabantwana ingaphantsi komgca we ntlupheko (ukutsho oko ke ipoverty line).

Sidikiwe ngoobhazabhaza beevenkile zokutya abazenza ngathi babakhathalele abathengi kodwa bahlala benyusa amaxabiso okutya naxa kungekho sizathu sokwenza njalo. 

Funda kabanzi nge Union Against Hunger kule website https://unionagainsthunger.org/

Hlala nathi kwi-events page yethu, ujonge ukuba akhomicimbi yenzekayo ongaza kuyo na



[3] Pick n Pay agrees to cap some prices amid investigations into alleged price gouging. Business Tech. 15 March 2021


Category